 |
|
IBHUNGA LOLAWULO LWAMAYEZA/IMAIL&GUARDIAN/IZIKO LEZEMPILO LIKAGQIRHA RATH
- Sisebenza egameni labantu esibasebenzelayo (abamangali).
- Sixelelwe ukuba nipapashe inqaku elinesihloko esithi “Nceda Usindise Izigidi Zobomi Babantu eMzantsi Afrika, Qhawula Amatyanga OKuzityebisa Komzimveliso Wamachiza” kwiphephandaba lo mhla we8 kuOkhtobha 2004 ukuya kumhla we14 kuOkthobha 2004. Ikopi yeli nqaku licaphukisayo incanyathiselwe yaza yamakishwa u “A” (inqaku).
- Mayela nalo mba, sicebisa uku iziqulatho zeli nqaku selikhankanyiweyo ngentla alinabunyani libubuvuvu bobuxoki linyelisa abantu esibasebenzelayo (abamangali) yaye iziqulatho ezi azikho semthethweni.
- Nanjengoko sesicacisile umba esingawo, kufuneka ukuba nithathe isigqibo esibhaliweyo esithi niyaku:
- papasha incwadi ecela uxolo, iziqulatho zaloo ncwadi kuyakuvunyelwana ngayo ngabantu esibasebenzelayo (abamangali) ngaphambi kokuba loo ncwadi yoxolo ipapashwe
- niqinisekise ukuba anisayi kulipapasha eli nqaku kwixa elizayo
- Isiqinisekiso esibhaliweyo, ekubhekiswa kuso ngentla sifineka ngentsimbi yesi-17h00 namhlanje, xa oko kungenzeki abantu esibasebenzelayo baya kufaka incwadi yesimangalo engxamisekileyo kulungiswe oku ngokusemethethweni kuquka futhi kungawanciphisi amathuba e-oda eyiyo yamaxabiso (yentlawulo).
- Amalungelo abantu esibasebenzelayo aya kuhlala egadiweyo.
- Silindele impendulo yenu engxamisekileyo
Enkosi
|
Sitemap
|
|
|